ISAZISO SIKAWONKE-WONKE: UKUQINISEKISA NGOKHUSELEKO LWAMANZI NELIZWI ELISASAZEKAYO
UMasipala uqaphele ukuba kukho ilizwi (voice note) elisazekayo, elibanga ukuba amanzi karhulumente atyhefelwe ngabantu bangaphandle kwaye awakhuselekanga ukusetyenziswa. Eli lizwi alichazi nokuba yeyiphi kwezi nkqubo zimbini zokuhanjiswa kwamanzi ekuthiwa ithe yafakwa ityhefu.
Kungabonakala ngathi lo mntu onenjongo embi, ongenankathalo nowenza ngobugwenxa usebenzisa umba wamanzi anombala omdaka athe abonakala kwicala laseNtshona ekuqaleni kwale veki, ngenjongo yokubangela uloyiko nokuphazamiseka kuluntu lwaseMakhanda.
Ukuba umntu unolwazi oluyinyani ngalo mba, uMasipala uya kukuxabisa kakhulu ukuba lowo mntu aqhagamshelane neSebe loMlilo likaMasipala emva kweeyure zomsebenzi, okanye neSebe lezoBugcisa noLawulo lweZiseko (Engineering and Infrastructure Services) ngexesha lomsebenzi. Kungenjalo, ulwazi lungaxelwa kwisikhululo samapolisa esikufutshane eMakhanda. Lonke ulwazi luya kuphathwa ngemfihlo epheleleyo ukukhusela lowo ulunikezelayo.
Nangona kunjalo, uMasipala uqinisekisa ngokucacileyo ukuba olu lwazi lwasazekayo aluyonyani kwaye luyalahlekisa.
Amanzi karhulumente akatyhefelwanga kwaye akhuselekile ukuselwa, ukupheka, kunye nokusetyenziswa kwezinye iimfuno zasekhaya.
UMasipala ukwathanda ukucacisa ngemibuzo enxulumene namanzi anombala omdaka athe axelwa kwezinye iindawo. Iisampuli zamanzi zathathwa kwangoko zasiwa kwilabhoratri eqinisekisiweyo, kwaye ezinye iisampuli ziza kuthathwa kwakhona. Iziphumo zovavanyo zibonisa ukuba lo mbala unxulumene nemanganese, eyinto efumaneka ngokwendalo emanzini, eye yacaca ngakumbi ngenxa yotshintsho kumanqanaba edama, nto leyo ethe yachaphazela imeko yamanzi angena kwisikhululo sonyango lwamanzi.
Ngaphezu koko, uphando kunye nohlolo olubanzi kwizityalo zokunyanga amanzi lwenziwe. Zonke iinkqubo zafunyaniswa zisebenza kakuhle, ngaphandle kwe pompo yokufaka ikhemikhali yangaphambi konyango (pre-dosing / coagulant pump), eyafunyaniswa inengxaki yokusebenza. Ezo ngxaki zilungisiwe, kwaye umlinganiselo wokufakwa kweekhemikhali uhlengahlengisiwe.
Kwakhona, iiresevoya zahlolwa, kwaye inkqubo yokuhanjiswa kwamanzi yahlambulukiswa (flushed) kwiindawo ezichaphazelekayo njengenyathelo lokuphendula kule meko.
Ngenxa yoko, ezinye iindawo sele ziqala ukuxela utshintsho kunye nokuphucuka kombala wamanzi, nto leyo ebonisa uzinzo oluqhubekayo kwinkqubo.
UMasipala uyaqhubeka nokubeka iliso ngokusondeleyo kumgangatho wamanzi kuyo yonke inethiwekhi yokuhanjiswa kwamanzi.
Uvavanyo lwamanzi luya kuqhubeka rhoqo, kunye novavanyo olongezelelweyo, ukuqinisekisa ukuba amanzi ahlangabezana nemigangatho efunekayo yokhuseleko lwamanzi okuselwa. Emva kokufunyanwa kwazo zonke iziphumo, iziphumo zenyanga zomgangatho wamanzi okuselwa ziya kupapashwa kwiwebhusayithi kaMasipala ukuze uluntu lukwazi ukuzifikelela.
Amalungu oluntu acelwa ukuba axele uMasipala xa amanzi anombala ongafanelekanga esaqhubeka kwiindawo zabo, ukuze amaqela akwazi ukuqhuba olunye uhlambulukiso lwemibhobho (flushing) kwezo ndawo.
UMasipala ukwacela abahlali ukuba:
•Bangayinanzi i-voice note esasazekayo
•Bangasasazi ulwazi olungaqinisekiswanga
•Bathembele kuphela kunxibelelwano olusemthethweni oluvela kuMasipala nakwezinye iziphathamandla ezifanelekileyo
Impilo nokhuseleko lwabathengi zihlala zingoyena msebenzi uphambili kuMasipala. Ukuba kungabakho nawuphi na umngcipheko oqinisekisiweyo kwimpilo yoluntu, uMasipala uya kwazisa uluntu ngokukhawuleza ngeendlela ezisemthethweni.
UMasipala ubulela uluntu ngentsebenziswano nokuqonda kwalo.
Ikhutshwe liOfisi yoNxibelelwano kaMasipala waseMakana